Wednesday 18 february 2009 3 18 /02 /Feb /2009 08:44


Sibheka phi na isizwe? Lo ngumbuzw'endiwutya ndiwulale , kodw'andifumani mpendulo. Alwil'amagokra elwel'inkululeko, liphalel'igazi lomzontsundu,kufelw'isizw'esintsundu. Bayifumene lonto abathe bayibiza ngokuba yinkululeko Kodw'andiboni nkululeko ngaphandle kwentandabuzo. […]
By Dinho - Posted in: IMIBONGO
hlomla sive mXhosa - View the 0 comments
Wednesday 18 february 2009 3 18 /02 /Feb /2009 09:05

Maxa wambi sithi xa izinto zingahambi ngokuthanda kwethu sivakale sizibuza imibuzo engenako ukuphenduleka.Phofu akuba ayinako ukuphenduleka ntonje kuzoko sihamba kwindlel'emxinwa,kwaye kugqubinkugu kwindlela leyo,eminye yemibuzo esithi sivame ukuzibuza yona yethi "ingaba yintoni unobangela […]
By Dinho
hlomla sive mXhosa - View the 1 comments
Monday 2 march 2009 1 02 /03 /Mar /2009 14:12

Category : Comedy Theme: My Boss, it’s my mnumzana (Apha uvula umkhusana uBoss mnumzana ekwigumbi lakhe phofu ke xa uqala ukungena kulomzi mvelisi wamakhandlela,ungazibona sele ungenile kwigumbi lika Boss mnumzana,kuba akukho nto ibonakalisa ukuba kwelicandelo kukho candelo limbi.kuba kaloku […]
By Dinho - Posted in: IMIDLALO YEQONGA
hlomla sive mXhosa - View the 0 comments
Tuesday 3 march 2009 2 03 /03 /Mar /2009 10:07

Ndiyaluthand'uthando. Ndiyathemba kunjalo nakuwe. Kodwa eyona nto ndiyithanda ukwedlula zonke, kukuthanda wena. Ndaqal'ukuthanda ngomzuzu wokuqala, ndiqal'ukubona. Intliziyo yam,yathi yandixelela lukhulu ngawe. Ndakutyala ezantsi emathunjini entliziyo yam. Ndayingciba ngebhongo,ilunda, nditsho […]
By Dinho - Posted in: IMIBONGO
hlomla sive mXhosa - View the 0 comments
Thursday 26 march 2009 4 26 /03 /Mar /2009 08:45

Yintoni uthando,ngokwezam imbono ndicinga ukuba uthando olu sisipho esivela kuThixo,esityalwe ngaphakathi emazantsi entliziyo yomntu.Abantu abanzi bavame ukufuna ukthandwa okanye uthando yeyona nto bayikhangelayo,phofu ke wonke ubani uyafuna ukuthandwa,kwaye ngaphandle kothando asiyonto.Kodwa […]
By Dinho
hlomla sive mXhosa - View the 1 comments

amagqabantshintshi ngalomzi

  • : imbongi-zakwaxhosa,kunye nababhali
  • imbongi-zakwaxhosa,kunye nababhali
  • : Poetry
  • : Mandithathe elithuba ndinamkele nina nonke zimbedlenge zasemzXhoseni.Mandinazise kaloku ukuba eligumbi,lomzi wakwaXhosa kulapho sityebiselana khona ngolwazi,ukususela kwimo yentlalo yakwaxhosa,ukuya kwimibongo.Ndithetha nawe nje ndiphezu kophando nzulu malunga ngezinto ezithile ngalomzi wakwaXhosa,kaloku xa utyebisela abantu kufuneka uze nencaza etyebileyo.Ndiyanamkela zidwesha,ndithi khanibe nirhabula kulebhekile siyiselayo.Ndisatshaya
  • Share this blog
  • Back to homepage
  • Contact
  • : 10/02/2009

ikhalenda

June 2012
M T W T F S S
        1 2 3
4 5 6 7 8 9 10
11 12 13 14 15 16 17
18 19 20 21 22 23 24
25 26 27 28 29 30  
<< < > >>
Create your blog for free on over-blog.com - Contact - Terms of Service - Earn Royalties - Report abuse