Wednesday 11 february 2009 3 11 /02 /Feb /2009 09:08


NdingumXhos'ozingcayo ngobumna.

Ndinuthando,uthemba kulowo ndimthandayo.

Ninumkhuseli kwimikhuhlane yeli lizwe,

ndiyazingca ngalowo ndimthandayo.

 

Ndinothan'olungatshitshiyo,

elatyalwa entliziyweni ngulwo wandidalayo,

kulapho ubutyevi bam ndibugcine khona.

 

Apho woyela khona ndiyakwayela khona nam.

Kumlamb'ongxangxasi zinzulu zinevumb'elibi

elis'ekufeni,ndiyokubamb'ungatshoni.

 

Kuko konk'okwenzayo,

uz'uqiq'uqalze,uqhube kodwa ungaqengqeleki.

Kuba mna ndiyohlala ndinawe njalo.

 

Ndiqiqile,ndaqalaza,ndaqhubeka.
Ndenyuka,ndisihla,
ndifuna phantsi komthombo wothando.
Namhlanje ndifumene wena mqhubi wothando
kwintliziyo yam.

Umbongo ngokubhalwa nguCebo

By Dinho - Posted in: IMIBONGO
hlomla sive mXhosa - View the 1 comments
Home

Overview

  • : imbongi-zakwaxhosa,kunye nababhali
  • imbongi-zakwaxhosa,kunye nababhali
  • : Poetry
  • : Mandithathe elithuba ndinamkele nina nonke zimbedlenge zasemzXhoseni.Mandinazise kaloku ukuba eligumbi,lomzi wakwaXhosa kulapho sityebiselana khona ngolwazi,ukususela kwimo yentlalo yakwaxhosa,ukuya kwimibongo.Ndithetha nawe nje ndiphezu kophando nzulu malunga ngezinto ezithile ngalomzi wakwaXhosa,kaloku xa utyebisela abantu kufuneka uze nencaza etyebileyo.Ndiyanamkela zidwesha,ndithi khanibe nirhabula kulebhekile siyiselayo.Ndisatshaya
  • Share this blog
  • Back to homepage
  • Contact

Create a blog

Calendar

June 2012
M T W T F S S
        1 2 3
4 5 6 7 8 9 10
11 12 13 14 15 16 17
18 19 20 21 22 23 24
25 26 27 28 29 30  
<< < > >>
Create your blog for free on over-blog.com - Contact - Terms of Service - Earn Royalties - Report abuse