Thursday 12 february 2009 4 12 /02 /Feb /2009 10:40

mama!!
uqaqambil'okwentyatyamb'edlelwen'entwasa hlobo.
umhlokwelanga lehlobo.
Nditheth'ikhwezi xa liyokutshon'ekuzeni kusa.
Umhl'okweguzu liphum'ekhasini,
Ifuthe lakho liyavakala naxa ungekho.

Ndinebhongo nelunda ngawe,
kuba wandinik'imbewu,
yona leyo endayityala ngaphakathi
kwintliziyo yam.
ndisisinhanha ngokwasemphefumlweni,
kodwa ndilihlwempu nje ngomdaka,
Nditsho ngokwasenyameni.

.uqal'ukubonakalis'uthando lwakho,
ngelixa wawundithwel'inyang'ezilithoba,
ubil'usoma,usehl'usenyuka.
Ulungis'indlela njengoko laliselifikil'ixesha
lobukho bam kweli limagad'ahlabayo.

Awuphelelang'apho.
Undinyamezele naxa ndandilil'esimantshiyane
ezinzulwini zobusuku.
Wandinqwanqwada,wandigoba ndiseluswazi oluntshul'amagqabi
ngenjongo yokundakha.
ndinje-nje-nje nguwe mama.

 Ndithe ndahendeka,
ndihendwa zizilingo zeli lizwe lezono.
Ezithe zandishiya ndijing'ecingweni kukh'umoya,
Ndavulel'inyembez'emehlweni akho,
okwamanz'engxangxasi
nyembezi ezo zithe zathath'ithub'ukubanga
kodwa wena mama
uqhubekile wandinik'uthando lwakh'olungatshitshiyo.

Ndiyikrazulil'intliziyo yakho,
Ndayikrukruth'okwegundwana likrazul'idlavu
ndayish'izel'amahlwili,
kodwa wena mama uthando lwakho
luqhubekile lumpompoz'okwamanz'emfuleni.
kuba kaloku lutyalwe ngaphakath'entliziyweni,
laqanyangelwa ngethemba, nebhongo,
nokuzingc'okungasayi kutshitsha.

Mama ndomelwe ngumlomo,
ndibamba ngazo zozibini,
bendiba ndingafumana yoliwaka 
nditsho imilomo nje ukuthi
     Ndiyabulela mama

 

umbongo ngokubhalwa nguCebo

By Dinho - Posted in: IMIBONGO
hlomla sive mXhosa - View the 1 comments
Home

Comments

ntwana yam estrongo uyarocka *1000000000000000000000000
Comment number1 posted by Phumlani on 12/05/2009 at 15h19

Overview

  • : imbongi-zakwaxhosa,kunye nababhali
  • imbongi-zakwaxhosa,kunye nababhali
  • : Poetry
  • : Mandithathe elithuba ndinamkele nina nonke zimbedlenge zasemzXhoseni.Mandinazise kaloku ukuba eligumbi,lomzi wakwaXhosa kulapho sityebiselana khona ngolwazi,ukususela kwimo yentlalo yakwaxhosa,ukuya kwimibongo.Ndithetha nawe nje ndiphezu kophando nzulu malunga ngezinto ezithile ngalomzi wakwaXhosa,kaloku xa utyebisela abantu kufuneka uze nencaza etyebileyo.Ndiyanamkela zidwesha,ndithi khanibe nirhabula kulebhekile siyiselayo.Ndisatshaya
  • Share this blog
  • Back to homepage
  • Contact

Create a blog

Calendar

June 2012
M T W T F S S
        1 2 3
4 5 6 7 8 9 10
11 12 13 14 15 16 17
18 19 20 21 22 23 24
25 26 27 28 29 30  
<< < > >>
Create your blog for free on over-blog.com - Contact - Terms of Service - Earn Royalties - Report abuse