Share article Ndiyabulela mama: mama!! uqaqambil'okwentyatyamb'edlelwen'entwasa hlobo. umhlokwelanga lehlobo. Nditheth'ikhwezi xa liyokutshon'ekuze ...
mama!!
uqaqambil'okwentyatyamb'edlelwen'entwasa hlobo.
umhlokwelanga lehlobo.
Nditheth'ikhwezi xa liyokutshon'ekuzeni kusa.
Umhl'okweguzu liphum'ekhasini,
Ifuthe lakho liyavakala naxa ungekho.
Ndinebhongo nelunda ngawe,
kuba wandinik'imbewu,
yona leyo endayityala ngaphakathi
kwintliziyo yam.
ndisisinhanha ngokwasemphefumlweni,
kodwa ndilihlwempu nje ngomdaka,
Nditsho ngokwasenyameni.
.uqal'ukubonakalis'uthando lwakho,
ngelixa wawundithwel'inyang'ezilithoba,
ubil'usoma,usehl'usenyuka.
Ulungis'indlela njengoko laliselifikil'ixesha
lobukho bam kweli limagad'ahlabayo.
Awuphelelang'apho.
Undinyamezele naxa ndandilil'esimantshiyane
ezinzulwini zobusuku.
Wandinqwanqwada,wandigoba ndiseluswazi oluntshul'amagqabi
ngenjongo yokundakha.
ndinje-nje-nje nguwe mama.
Ndithe ndahendeka,
ndihendwa zizilingo zeli lizwe lezono.
Ezithe zandishiya ndijing'ecingweni kukh'umoya,
Ndavulel'inyembez'emehlweni akho,
okwamanz'engxangxasi
nyembezi ezo zithe zathath'ithub'ukubanga
kodwa wena mama
uqhubekile wandinik'uthando lwakh'olungatshitshiyo.
Ndiyikrazulil'intliziyo yakho,
Ndayikrukruth'okwegundwana likrazul'idlavu
ndayish'izel'amahlwili,
kodwa wena mama uthando lwakho
luqhubekile lumpompoz'okwamanz'emfuleni.
kuba kaloku lutyalwe ngaphakath'entliziyweni,
laqanyangelwa ngethemba, nebhongo,
nokuzingc'okungasayi kutshitsha.
Mama ndomelwe ngumlomo,
ndibamba ngazo zozibini,
bendiba ndingafumana yoliwaka
nditsho imilomo nje ukuthi
Ndiyabulela mama
umbongo ngokubhalwa nguCebo
| June 2012 | ||||||||||
| M | T | W | T | F | S | S | ||||
| 1 | 2 | 3 | ||||||||
| 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | ||||
| 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | ||||
| 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | ||||
| 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | |||||
|
||||||||||