Share article Buphi na ubunye?: lwaphelela phi na uthando? Batshona ngaphi na ubunye?, nditheth'ukuzingca nokuzithanda? Ngaba lo ...
lwaphelela phi na uthando?
Batshona ngaphi na ubunye?,
nditheth'ukuzingca nokuzithanda?
Ngaba lo bhubhane uzalwa yintoni na?
Ngaba lenkohlakalo izalwa yintoni na?.
Kutheni sibulalana kwasodwa nje?
gabula mfo kaWelile Shasha
xa esithi
Ma Afrik'amahle,
ndiyakhala kodwa andibikwa hlaba,
ndiyabhonga kodwa andinazingxala.
kodwa mna ke
Ndenziwa lisikizi nobuhlungu esiphila phantsi kwabo,
bayaphi na ubunye,lwaphelela phi na uthando?
Ndiyabuza ngaba bona bone phi na abantwana?,
asinokushiy'abantwana nomalume kulemihla,
kwaphel'otata,kwavel'amahlamncwe.
Omama balala ngenyembezi ntsuku zonke.
Lwaphelel'aphi na ubumbano kumzontsundu?
Ingaba yiyo le inkululeko?
Sone phi na Thixo wethu?.
Sicel'ukhanyiso lwakho,
hlis'umoya wakho kweli lizwe lezono.
Masibambaneni maAfrika,
sibumbane,sithandane,side sakhane.
Masiqule siligangathe silwe nosathana,
sakh'isizw'einoxolo,nothando.
Umanyano ngamandla,
amandla isengawethu.!!!!!
| June 2012 | ||||||||||
| M | T | W | T | F | S | S | ||||
| 1 | 2 | 3 | ||||||||
| 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | ||||
| 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | ||||
| 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | ||||
| 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | |||||
|
||||||||||