Share article le yincwad'engaphelelanga: UMBONISO WOKUQALA (Uvula umkhusane uNomhle ehleli nonina uNomvula.UNomvula uyala intomb ...
UMBONISO WOKUQALA
(Uvula umkhusane uNomhle ehleli nonina uNomvula.UNomvula uyala intombi yakhe njengoko isenza ibanga layo leshumi kwaye sekumbovu ekubeni unyaka uphele, ngoko ke uNomvula upha intombi yakhe umphako ongasayi kubola)
Nomvula Nomhle, Nomhle !!! (Uyakhwaza)
Nomhle Mama
Nomvula Oo! Khange ndiqonde ukuba ukhona ntombi yam, kusuke kwathi cwaka
aphangaphakathi.
Nomhle Ndikhona ndihlamba ezi zitya zishiywe ngubhuti.Yazi yena ulwantwentwe
ngesisu,ungcathu ngemikhono
andide ndiyibone eyona nto ayenzayo
apha ekhaya.
Nomvula Owu!! Uyaphoxisa kanene Nomhle (utsho ehleka)
Nomhle Ndithetha inyani kanti mama, eyakhe into kukuhamba edyobha
ngentshongo emehlweni aye wonke ubani athe waveza izinyo naye.
Nomvula Lonto wean nobhuti wakho aniginyani, iindlebe zisuke zabetha-bethana
mpela kwezi ntsuku, kwaye yonke lonto asiyonto ndiyithandayo.
Nomhle hayi kanti mama akukho ngoluhlobo ubona ngalo.
Nomvula Ndiyakuva mntwana wam, kodwa eyona nto bendikukhwazela yona
ndinomdla wokuba sihlinze impuku, Kwaye ndingathanda
ukuba
ubek’iindlebe.
Nomhle Thetha mama, ndikumamele.
Nomvula Khawuziyeke ezo zitya uzokubuya ngazo, andizukuthatha xesha lide noko.Tsala
isichopho eso uchophele kufutshane.
Nomhle Kulungile ke mama ndiyeza, sendifikile.
(utsho etsala isichopho esondela kumama wakhe)
Nomhle Qhuba mama ndikumamele.
Nomvula Nomhle mntwana wam, ndinelunda kwaye ndiyazingca ngawe.Ndinebhongo
elingathethekiyo ngokuba nomntwana onguwe, ngoko ke ntombi yam andingethandi
ukuphuncukana nawe.Eyona njongo yam kukubona uqaqambile okwekati emhlophe . ehlungwini
Nomhle Ingaba yonke lento uyithethiswa yintoni mama?
Nomvula Ufumana amanqaku ancumisayo kweli banga leshumi, yonke ke lonto ityala ithemba
lempumelelo ngaphakathi kwintliziyo yam.
Nomhle Ngokwenene uthetha inyani mama, ndisebenze nzima mpela kulo nyaka, ndisebenzela
impumelelo.Lilonke nam ndinalo ithemba lempumelelo.
Nomvula Nomhle ntombi yam, emveni kokuphumelela kwakho elibanga uzokusishiya uye
esinaleni, uyokufinda nzulu ngeso sakhono uzokuthi usikhethe.Inye ke into endiyicelayo
ntombi yam.Uze ukwazi oyokwenza phaya, ungadlali ngexesha lakho.Uze ukhumbule
ukuba akukho namnye umntu ophangelayo apha ekhaya, siphila ngale ndodla ka
Radebe. Lilonke uze ufunde usicingela ntombi yam.
Nomhle Ndikuvile mama, kwaye ndiyakuthembisa andisayi kuniphoxa notata,ndiyokufunda
ngokuzimisela ngenjongo yokufezekisa iminqweno yenu bazali bam, kunye neyam
kanjalo.
Nomvula Ndiyavuya ukuva oko ntombi yam kuphuma kowakho umlomo.
(kuthe kusenjalo kwangena uRadebe ebile ethe xhopho
ulwimi elikhuphe ngaphandle etshiswa lilanga.Elitshisa ngeyona ndlela)
Radebe (uthetha yedwa) kowu liyatshisa mpela ilanga lanamhlanje, lonto lindikhuphe
Ndisenomdla egadini.
Nomvula Khawenzele utata wakho into etyiwayo Nomhle, inoba uphelile kukulamba oko.
ekulagadi namhlanje
Nomhle kulungile mama (atsho ephakama)
Nomvula Ufike kakuhle ke Hlubi xa ndixhobisa intombi le yethu njengoko sekukufuphi ekubeni
iphume iye esinaleni.
Radebe kowu ungxamile noko mfazi, ndicinga ukuba kusekutsha noko kwaye nethuba
lisavuma.
Nomvula Uyaphazama Hlubi lona ixesha alisekho, ngoku sele bezokugqiba imviwo zabo
zokuphela konyaka, uze wena uthi ixesha lisekhona. (Utsho ehleka)
Radebe Uthini na ngoku apha kum mfazi?,
uyibeka ngolo hlobo?.Ukhawulezile lonyaka, khange ndiqonde ukuba sele
usesiphelweni.
Nomvula kunjalo ngenene tata,sele usesiphelweni lo unyaka.
Radebe Andiyazi nokuba ndikuve kakuhle na mfazi, ingathi ubusithi ndingene kakuhle xa
uxhobisa intombi le yethu uNomhle, lonto sekumbovu mfazi kuba andisakhumbuli.
nokuba besithetha ngantoni.
Nomvula Ewe tata ngokwenene ufike kanye ndixhobisa intombi le yethu.
Radebe Sele uhlabela mgama mfazi,ndikumamele.
Nomvula Bendisatsho ke ntombi yam, siwa sivuka apha notata wakho uRadebe sizama
ukulungiselela ingomso engcono,ngelo uze uzimisele esinaleni.
Radebe Kunjalo ngenene ntombi yam, sitsala nzima kodwa phantsi kwethemba lokuba wothi
wakuphumelela usikhulule kobu bunzima.Nomna kwenu uyamazi kwaye uyambona
akazimiselanga ntweni.Ngoko ke zesingaphoxwa nguwe ntombi yam.Ona amandla
awasekho, kodwa kunjalo siyayitsala lemiqokozo kuba sifuna wena ufunde ntombi
yam.
Nomvula Uze wazi ntombi yam ukuba yonke into inexesha layo, ukukhala kunexesha lako, ukuhleka kunexesha lako
Nditsho nokudlala oku kunexesha lako.Lilonke ke Nomhle ntombi yam, uze uzimisele wenze oko sizokuthi
Sikuthumelele kona phaya esinaleni
Nomhle Tata nawe mama ndiwavile amazwi enu, kwaye nithethe kwavakala.Ukuba ndingathi andinivanga ndiyokube ndithetha
Ubuxoki.Ndiyanithembisa bazali bam andisayi kuniphoxa, ndiyokuzimisela esinaleni ngenjongo
Yokufezekisa iminqweno
yam, nditsho naleyo yenu.Andisayi kuvumela nabani na ekubeni andibeth’entloko.
unomdla wokufunda lencwadi iphelele?,
ukuba kunjalo singenza idinga
| June 2012 | ||||||||||
| M | T | W | T | F | S | S | ||||
| 1 | 2 | 3 | ||||||||
| 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | ||||
| 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | ||||
| 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | ||||
| 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | |||||
|
||||||||||