Imbali ngothando lwam
Ndithathe undibeke s'thandwa
mqhubi wentliziyo yam.
Ezinzulwini zobusuku ndothuka kancinci-kancinci
ndicula iungoma yothando,
ingoma yoloyiso kuba ndinqobile.
Ndiyonyukile intaba yothando,
Ndothuka kancinci-kancinci
ndiba ndiyaphupha ndabe ndiyicula ingoma yothando.
ndiyazi ukuba akekho ofana nawe
kubom,bam nguwe wedwa umqhubi wothando
kwintliziyo yam
Ndihleli nje ndiyazibuza ngubani na
onalo uthando,endiyokuthi
ndiluthathe ndilutyale ngaphakathi kwintliziyo yam.
kodwa ndakufumana wena,ndayicula ingoma
yoloyiso.
Ndiyazi ndinjenjenje luthando,
luthando endinalo
oluhtyalwe ngaphakathi
laqanyangelwa,ngethemba,imbongo,nochulukunyathela.
yiyo lonhto ndisithi
Apho woyela khona,ndiyakwayela khona nam.
Kumlamb'ongxangxasi zinzulu zinevumb'elibi
elisa ekufeni,
kodwa mna ndiyokubamba ungatshoni.
khumbula
ndakukhetha phakathi kwabaninzi,
iyinkungu nelanga.
kodwa kuba oluthando lutyalwe ngaphakathi,
yiyo lonto ndilunikela kuwe,
wena s'thandwa sam.
Mqhubi wentliziyo yam.
leyincwadi equlathe uthando lwam,
ndiyibhalele wena s'thandwa sam.
Mqhubi wentliziyo yam.
incwadi ngembali yothando lwam.
ndithathe ndonke ndingowakho,
s'thandwa sam,
mqhubi wentliziyo yam.
umbongo ngokubhalwa nguCebo
mqhubi wentliziyo yam.
Ezinzulwini zobusuku ndothuka kancinci-kancinci
ndicula iungoma yothando,
ingoma yoloyiso kuba ndinqobile.
Ndiyonyukile intaba yothando,
Ndothuka kancinci-kancinci
ndiba ndiyaphupha ndabe ndiyicula ingoma yothando.
ndiyazi ukuba akekho ofana nawe
kubom,bam nguwe wedwa umqhubi wothando
kwintliziyo yam
Ndihleli nje ndiyazibuza ngubani na
onalo uthando,endiyokuthi
ndiluthathe ndilutyale ngaphakathi kwintliziyo yam.
kodwa ndakufumana wena,ndayicula ingoma
yoloyiso.
Ndiyazi ndinjenjenje luthando,
luthando endinalo
oluhtyalwe ngaphakathi
laqanyangelwa,ngethemba,imbongo,nochulukunyathela.
yiyo lonhto ndisithi
Apho woyela khona,ndiyakwayela khona nam.
Kumlamb'ongxangxasi zinzulu zinevumb'elibi
elisa ekufeni,
kodwa mna ndiyokubamba ungatshoni.
khumbula
ndakukhetha phakathi kwabaninzi,
iyinkungu nelanga.
kodwa kuba oluthando lutyalwe ngaphakathi,
yiyo lonto ndilunikela kuwe,
wena s'thandwa sam.
Mqhubi wentliziyo yam.
leyincwadi equlathe uthando lwam,
ndiyibhalele wena s'thandwa sam.
Mqhubi wentliziyo yam.
incwadi ngembali yothando lwam.
ndithathe ndonke ndingowakho,
s'thandwa sam,
mqhubi wentliziyo yam.
umbongo ngokubhalwa nguCebo