Ndigobe kodwa ungandephuli
ndingumthana osantshul'amagqabi,
ndikhula nje ndibukel'indalo.
amahla ndenyuke ahamba nenxwaleko,
phofu ndiva xa besitsho abazali.
Kulendlela ndiyihambayo,kugcwele inkungu,
ndiyabhadula nje andfiyibona le ndlela.
Ndithi xa ndizijongile ndingaboni ngqaqambo kubom bam,
ngenxa yeziganeko,ndithetha izigigaba
endikhulela phantsi kwazo kweli lizwe lezono.
Andisiboni isizathu sobom,
ndijinga nje ecingweni kukho umoya,
ndidinga nabani onokundinqwanqwada'
anbdigobe,kodwa endigobela ebomini
obo buvumba limnandi lisa empumelelweni.
Kuba ndingakwazi ukwehlula phakathi
kokulungileyo,koko kungalunganga
andimboni omnye umntu nje ngomzali.
Oyena mzali kum ngulowo wandizisa kweli limagade ahlabayo.
Phofu naye xa engenzi ngokuthanda kwam,
ndivukwa ngumnyele,
ndide ndimenze into enokumvisa intlungu,ehamba nentlupheko.
Akuba andiziboni ukuba ndilahlekile,
ndiyazibona,Ntonje ndidinga uncedo.
ukwakhiwa.
Umnqweno wam,
kukukhulela phakathi kwabantu abanenjongo ngobom,
kunabo ndisoloko ndihlangana nabo benuka umphanda.
Ndisengumntwana,
ndinephupho lokukhulu,ndikhulela empumelelweni.
kodwa ndidinga nabani onokundigoba
kodwa angandophuli.
bandithiya igama bathi
ndingumntu omtsha,
ndiyacinga ukuba eli ligama elinenjongo
kodwa mna ekubeni ndize nokutsha'
ndizisa uxanduva kwikhaya lam
umzantsi weAfrika,
ndilushiye lusisimhoka-mhoka
kubazali bam
Ndidinga umncencesheli
khona ukuze ndidubule,
ndiqaqambe.
Ndixele intyatyambo zehlobo.
Ndingumntu omtsha,
ndigobe,kodwa
ungandophuli
umbongo ngokubhalwa nguCebo