Imbongi zosiba zakwaXhosa

Published on by Umxhosa

Le mibongo ke siyikhethe kwimibongo yababhali bemibongo,kwigumbi lethu lemibongo pha kubuso bencwadi(FB),ndiyathemba uzokuyonwabela,kwaye isicelo sethu.Sicela uphose amazwi amabini,ukuya esithathwini,ngenjongo yokukhuthaza aba babhali.Sikunika imvume yokugxeka ngenjongo yokwakha,uncome kanjaqo.                                                                                                                                                           

            Ndisatshaya

xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx

 

Ndiyazingca

 

Yintoni wandijongela phantsi?,
wandiphosa zonke izigxeko.
Wazintoni ngobumi namasiko am?,
mamela ndikuxelele,
ndingumxhosa lo uthi xho.
umxhaxha ndiwutya ayoxela,
umqombothi ndiwusila ndiwusele.
Inciyo ndiyayinxiba,imbeleko, intonjana zizisekelo zam.
noba ungathi  ndisuka emagqangaleni ezilalini.
Kodwa mna ubuntu bam buhleli-buhleli.

mamela.
imbeko kunye  nentembeko
ndikhuliswe ngazo,
ndixhentsa ndiwulahle pha umlenze,lentwaso uyibonayo. Asimpambano ntonje  kukugula okuthwel'impiliso yomz'ontsundu.

Njengokuba wena ujongene nam,
Ingaba wena uyazazi na imvelaphi
Yakho,indlela oyihambayo,naleyo
Usazokuyihamba?

Inkangeleko yam yangaphandle
Ayiqaqambisi,indlela endiyiyo,
Ndithetha ke ngenwele kunye  nebala lam.
Ukuzingca imbongo,nelunda ngemvelaphi
Yam,zindinceda ekubeni ndizikhethele
Oko kubalulekileyo apha ebomini.
Kundinika ifuthe lokuphumeza onke   amaphupho am.

Ewe impazamo ndizixakathile
Njengaye wonke ubani,kwaye ndinalo nelam icala elingelihle tu kwaphela
Sitsho naso isiXhosa ukuthi
akho nzwana engenasiphako,
Kunjalo ndazamkele ngohlobo endilulo
Kwaye ndiyafunda kuzo zonke impazamo zam.

Umbuzo umile ingaba wena ume ndawoni,
Ingaba wena wazamkela na ngohlobo olulo.
Wazi ntoni ngemvelaphi yakho?
Ewe ndiyazi ndiyinto yohlekisa kuwe
kodwa mandikuthembise ukuba nokuba
ungandigxeka undiphose amanzi kodwa ikamva lam alikho ezandleni zakho,
ndingumXhosa ndinegugu ndizingombha isifuba ndiazithanda kwaye ndiyohlala ndisenjenjalo,
Ndide ndiyibeke lenqawe ndiyitshayayo.

 

Umbongo ngokubhalwa nguZimkita Matika

 xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx

 

 

huntshuuuu!!!!!!!!!!

Mawasa nani Mawasakakazi

Nina Bothobasikutyele

Mandibethe koMofu

Ndigqagqanise Ndixel'umgqakhwe ugoduka,

Manditshambaze,

Ndizingce ngolwimi lwethu,

Ithunga Lizala Ngumphehlulu

Yiyo lonto Ndakha Maxhaka njengeXhwangusha

Umzingisi Akanashwa Mawethu

Masidyushe kweli khaya nedada lidada kwesalo isiziba

Masitekete siteketele kuKhaya-khulu

ngoba Umdla-nkukhu wafa Yindlala

Intlwa Ayibanjwa ngentloko Isavela

Masiwubhinqe ube mfutshane ntozobawo,

IMBILA YASWEL'UMSILA NGOKUYALEZELA

Camagu Sizukulwana sikaPhalo !

 

 

Umbongo ngokubhalwa ngu Nodeliqabaka Imbongi Yosiba Buqwana

 xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx

 

IMVAKALELO, NGOKOKWAZI KWAM


Imvakalelo endingenayo,

Andinayo.

Imvakalelo endingenayo,

andizokutsho ukuba ndinayoImvakalelo othi unayo,

 awunayoImvakalelo onqwenela sibenayo,

 sobabini asinayo
Imvakalelo abantu ekufanele babenayo,

zange babenayoUba abantu bathi banemvakalelo,

qiniseka ukuba abanayoUba ufuna sobabini sive nto,

kungcono,

ukubekele kude umqondo wokuba sinemvakalelo,

konke konke!

 

xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx

Yintoni na lento kuthiwa Luthando

 

yintoni na le nto kuthwa luthando ?

yinto ethi xa ifika kubekho incilikithi.
Ukoyisakala kwamehlo,

iyamenyezela okwentlazana.

Ihamb’ihlala okojobela

ehamba nentakazana ,

iyabukeka okwehem ,

kodwa apho iphele khona.

 

 Kugcwale abakwantsasana ,

oogqirha ,

oonontlalontle,

 kukruthwakruthwana ngabantwana.

Yimikrozo ukubhekemangcwabeni .

Yintoni na lento kuthwa luthando?.

 

Ithini na intsingiselo yalo ,

ndiyabuza mzo ntsundu kaxhosa ,

kungaqhuma kubasiwe ,

ithinina intsingiselo yalo?

 

umbongo ngokubhalwa nguQakata Didiza

xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx

 

 

Maz'olwandle Ndisindise

 

Maz'olwandle,ndisindise.
Maza olwandle, ndisindide

Ndikhangeleka ndisenyeleni,
Ndiv'ukundila kwezulu.
NDiH,,,,,,,,,,,,NDIH,,,,,,,,,,,,,,,
Isibhakabhaka sogqunywe
Lilif'elimnyama,
Imekw,endikuyo isik'emathunjini,
Ndif'amanqa.
Ndikwampenge-mpenge
ndinje ngenkom'edla yodwa
ecaleni komgxobhozo.

Kugos'okwaphukayo,
Kumnyam'entla.
Amahla ndonyuk'obubom andiphek'endophula.
Usathana undibethel'amakhwelo,
Undiphathel'izembe.
Kodw'elam ithemba likuwe,
Ndiyazi uyokundihlangula,
Undiphose kunxweme apho
Ndiyokuthi ndisel'amanz'akholis'umphefumlo.

Khawundisindise,
Khawundisindise kaloku maz'olwandle

Kukhangeleka ngathi ndingoyela,,,,,,,,,,,,,,
Ndingoyela kwesisiziba,
Kolulwandle livumb'elib'elisa ekufeni.
Ndiyinqanawe,ndiyazika.
Kukhangeleka kukhw'intunja
Eziyenz'izike lenqanawe.
Owu! Ukufa kwam kufikile,
Maz'olwandle,maz'olwandle
Ndisindise.

Khawundityekezele
Kuw'oman'amagumb'omhlaba.
Maz'olwandle ndisindise.

Ndivulel'onk'amasango......................
Aqanyangelwe ngemiqokozw'eyenza
Nzima lehambo yam.
Mayiqaqamb'indlela yam,
Ifane nokhwez'ezinzulwini zobusuku.

Maz'olwandle ndisindise
Undityekezele kumhlab'otyisiweyo
Khon'ukuze njengembewu
Ndihlwayeleke,ndinabe,ndande
Ndivelis'siqhamo
Esiyokuthi sondle zonk'imbedlenge
Zeli leAfrica.

Maz'olwandle,maz'olwandle
Ndisindise.
Ndisindise kaloku undiweze,
Khon'ukuze ndibenak'ukufeza iminqweno yam.

Ndisindise maz'olwandle.

umbongo ngokubhalwa ngubomi njoloza

xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

Published on IMIBONGO

To be informed of the latest articles, subscribe:
Comment on this post
N
HY im also a poet but a Zulu one..Ngiyafisa ukubhala nokuhaya ngesiXhosa ngicela usizo..im in KZN
Reply
S
yaminandi imibongo hayi bo yandigodusa
Reply
A
Leave a commentl hai madoda anilahleka nga tu nicho ngqoi
Reply
S
good to know that the is still some Xhosa poetry vibe for hayi shame bayayishaya into yabo wow I am really impressed like wow