Wednesday 24 march 2010 3 24 /03 /Mar /2010 13:30
Xa indlela uyibona ngena kuyo uxhabashile,Ewe ndiyazi kungenzeka ithi kanti awuyazi apho isingisele khona lendlela uyihambayo kodwa.Kodwa khawuthathe ithuba uyihambe kuba kaloku kungenzeka ithi kanti londlela iyokuthi idibanise kuleyo ubuzimisele ukuyihamba.Ingaba ndiyavakala na intsingiselo yam kulomqolo mlesi?

Eyona nto ke ndizama ukuyiqaqambisa yinto yokuba,xa kuthe kwenzeka wazibona sele usenza isakhono ubungazimiselanga kusenza,qhubekeka naso,hati khona xa usazi ukuba ukukho ndlela imbi yokubalekela kweso sisoloko sisematheni nasemqondweni wakho.Mandikukhumbuze kaloku lento iyimfundo ibubom mfundi,hayi khona kweli lixa siphila phantsi kwalo.

kwelityeli imfundo bubom,xa ke uyibaleka uzifaka kobona bunzima.Ndingathi ke uzibophelela ngawona matyathanga.
azokuthi akutsalise nzima.Ngoku siphila kwilizwe apho siphangela kuphela ngolwazi olubhalwe ephepheni,
khawufane ucinge xa ke wena mlesi ungafundanga,ubaleke isikolo kuba usithi kunzima.

Ndiyazibuza inokuba yintoni le yenza ubunzima kulemfundo?,
zincwadi ezinintsi ozithwala umhla nezolo okanye,okanye
kukufunda into engafundekiyo,unqaya umnqayo okudinayo,
okwenza umsindo kuba awungeni?.

Hayi andingetsho ukuba ngokwenene ubunzima obu bemfundo buyini na.
Kodwa ke  sikhala sinjalo ngemfundo,yona ibubom,
Masincekeleleni nto zakuthi kuzode kulunge.

kodwa kusenjalo,ndiyabuza ingaba ubunzima bemfundo busenza sihambele kude kuyo?
By Umxhosa
hlomla sive mXhosa - View the 0 comments
Home

Overview

  • : imbongi-zakwaxhosa,kunye nababhali
  • imbongi-zakwaxhosa,kunye nababhali
  • : Poetry
  • : Mandithathe elithuba ndinamkele nina nonke zimbedlenge zasemzXhoseni.Mandinazise kaloku ukuba eligumbi,lomzi wakwaXhosa kulapho sityebiselana khona ngolwazi,ukususela kwimo yentlalo yakwaxhosa,ukuya kwimibongo.Ndithetha nawe nje ndiphezu kophando nzulu malunga ngezinto ezithile ngalomzi wakwaXhosa,kaloku xa utyebisela abantu kufuneka uze nencaza etyebileyo.Ndiyanamkela zidwesha,ndithi khanibe nirhabula kulebhekile siyiselayo.Ndisatshaya
  • Share this blog
  • Back to homepage
  • Contact

Create a blog

Calendar

June 2012
M T W T F S S
        1 2 3
4 5 6 7 8 9 10
11 12 13 14 15 16 17
18 19 20 21 22 23 24
25 26 27 28 29 30  
<< < > >>
Create your blog for free on over-blog.com - Contact - Terms of Service - Earn Royalties - Report abuse