Monday 31 may 2010
1
31
/05
/May
/2010
15:18
Asinyama yodwa efuman'ubukhoboka.
Kodwa nomphefumlo.
Izabatha endizakhelwe ngabo bendiba basenyongweni,
Intlungu endiyifumene ngokulahlekelwa ngabo ndibathandayo,
Ubumnyama balendlela ndiyihambayo.
Bundishiye ndilikhoboka elimadolwanzima,
Ndiyindidi,ndingaboni nendlela.
Umphefumlo wam wophukile,isal'iqamangekile lentliziyo,
Ibotshwe yimiqokozo,
Iyakhe ubukhoboka kulomphefumlo.
ubukhoboka bakh'ikratshi,inzondo engummangaliso.
Ndiyimfene ngenzondo,
Kodwa intlungu endiyivayo andiyikhupheli ngaphandle,ndiyiyekile,iyandikhoboza
Inditsalisa nzima.
Ndinokuzisola maxa wambi,ndikwazibuza imibuzo emininzi malunga nobukho bam kweli lezono,
Nditshonelwe lilanga emini,kugquba inkungu kulendlela.
Ndiphethwe ngumva ndendwa,iyangxiza lentliziyo kukuzisola.
Namhlamje ndiyakholelwa kuwo onke amazwi aphoswa kum ngabakhuluwa bam,
Indoda idla ukubila kwebunzi layo.
Ijongana nayo yonke imiceli mngeni.
Wophukile lomphefumlo
Umfimfithwe ngulomva
Ndedwa,
Zindongamele ingxaki zeli limagade,kweku!
Akwaba ndingangumntwana kwakhona.
Intlanzi itshelwe ngamanzi,umqa womel'ephinini.
Phofu uzenzile akakhalelwa,isikhuni sibuya nomkhwezeli.
Izenzo zam zindongamele,ziyavungama phezu kwam,
Ndiwombile umgodi kanti ndizokwayela kwakuwo.
Ndikhobokile ngokwasemphefumlweni
Yiyo ke le imbilini yam,ndiyiphalazela wena.
By Umxhosa
-
Posted in: IMIBONGO
0