Utywala
Hayi ke kodwa abant’ ukundithanda
Nditsho xhego, mfana mveku kuyafana
Hayi ke kodwa izizw’ ukundixabisa noko
Iintlanga zonke ngokulingana ziyandirhwaphiliza
Empuma ukunqandwa yintshonalanga ndiyagxikizwa
Ukuba kutheni noko, nam andazi nab’ abakhanyelwa.
Olwam, ulwamvila ludal’ izilima nezidumbu
Obam, ubuzaza bunje ngesitshingitshane entlango
Elam, iliva inene lihlaba lishiy’ izidenge nezibhoxi
Ndibatsho babhanxeke, babhideke babhenceke noko
Kutsho kuduk’ isimilo, kutyalek’ ubugangxa nobuxelegu
Atsho umntu adideke, axakwe kukuziphatha ngononophelo
Kube kukuqala kwentswela-mali nothando ebantwini bonke
Kube kukuphela koxolo, kukuqala kweengxaki namatshwangusha.
Olwam, ulwamvila lufana twatse nolwenyosi
Ndiqala ngaphakath’ ezibindini
Ndigqibele ngokudlakaz’ isikhumba
Aqale naye ukuzonyanya, kub’ uyibon’ ingxaki
Kube kungekho yenza njani, konakele madoda
Madoda, awam amehlo azibonil’ izimanga
Isitutsu-tutsu somfo singumcinga butywala,
Madoda, awam amehlo ayibonil’ imimangaliso
Igodo ebeliphelelwe ngamandla livuk’ ekufeni
Ngenxa yokuqhawul’ iqhina lomtshato nomabil’ ebanda.
Ndingumdidi ngqondo, umdubi-mzimba
Ndingumdali wamatshitshi, amatshivela namavila
Ewe, bayandisela, nam ndiyaziphindezela ngesixhiba
Ndakuhlal’ ezantsi emathunjini ndizinze kudloba nezilulami
Ndakumilisela ezam ingcambu etyhontsi, inene neziyatha zizibon’ ukuqava
Ndakungena ndanele apha ezibindini nasemithanjeni nerhawu lizibon’ ukuqina
Nt’ inye abangayaziyo, ndingumkhohlisi, umphixanisi, umtshabalalisi nombulali
Abadala bayandinxonxothela, nabantwana bayandincanca
Kulilwa, kuvuywa ndiyathandwa nditabhate ndambeth’ ingubo
Ndibizwa njengomthuthuzeli kwabasezintsizini, umonwabisi kwabavuyayo
Shwaka tu! Ukulibala ngobam ubungozi
Kaloku obam ubuthuthuzeli nguqhwi
Kaloku obam ulonwabo nguqhwanya.
Tywala ndini ungumalamb’ esidla.
Iintseli-mani zikhiwa ngemikhoba kweli lizwe
Ndisenziwa akulalwa kuyasetyenzwa,
Njengasatempileni kamtyholi, esihogweni
Inene ndixakile, ndintshatshele buzani kumdidiyeli
Andazi nam ukuba abantu abandonyanyi yintoni na?
Abazi na ukuba ndenziwa ngombon’ ovundisiweyo?
Abazi na ukuba ndidiyelwa kulomikhob’ izel’ izigragra?
Impukane namabhungane azidlel’ itheko ndakungavalwa.
Maxawambi, ndiphathwa zingalo nezandla ezinyukru-nyukru.
Emininzi imizi ichithakele, ngenxa yam tywala
Abaninzi bambath’ uqaqaqa, ngenxa yam tywala
Abaninzi baqanyangelwe ngumthetho, ngenxa yam
Abaninzi baswel’ inceba nothando, ngenxa yam tywala
Abaninzi bampil’ inkene-nkene, ngenxa yam tywala
Abaninzi bagodl’ imigqakhwe, ngenxa yam tywala
Abaninzi abasena nazihlobo, ngenxa yam tywala
Akusekho, kukhothana mihlana kwizalamane
Ndinomona, anisandiboni kusini na?
Ndimdala, anisaqapheli kusini na?
Ndingcolile, anisaboni kusini na?
Andimthand’ ongena qhosha.
Ndiyekeni bantu, nam ndifun’ ukuphumla
Ndiyekeni, nam ndidikiwe bubumnyama
Ndiyekeni, nam ndifun’ ukuphila
Kutheni ningakhe nixhaphaz’ abanye
Oomongimali neziny’ iziselo zipholile
Phambi kokuvula loonxili mntakwethu qiqa
Phambi kokuginy’ elothamo bhuti qal’ ucingisise
Phambi kokungcamla lobhekil’ sisi vula ingqondo
Ngalo ndlela nakuba nizanyulile ebugxwayibeni nam ndiphumle
Anisaboni na ukuba isizwe sidlaka-dlaka, a’kho bani uhloniph’ omnye
umbongo ngokubhalwa ngu Maliviwe Mpayipheli