Utywala

Published on by Dinho

Hayi ke kodwa abant’ ukundithanda

Nditsho xhego, mfana mveku kuyafana

Hayi ke kodwa izizw’ ukundixabisa noko

Iintlanga zonke ngokulingana ziyandirhwaphiliza

Empuma ukunqandwa yintshonalanga ndiyagxikizwa

Ukuba kutheni noko, nam andazi nab’ abakhanyelwa.

 

Olwam, ulwamvila ludal’ izilima nezidumbu

Obam, ubuzaza bunje ngesitshingitshane entlango

Elam, iliva inene lihlaba lishiy’ izidenge nezibhoxi

Ndibatsho babhanxeke, babhideke babhenceke noko

Kutsho kuduk’ isimilo, kutyalek’ ubugangxa nobuxelegu

Atsho umntu adideke, axakwe kukuziphatha ngononophelo

Kube kukuqala kwentswela-mali nothando ebantwini bonke

Kube kukuphela koxolo, kukuqala kweengxaki namatshwangusha.

 

Olwam, ulwamvila lufana twatse nolwenyosi

 Ndiqala ngaphakath’ ezibindini

Ndigqibele ngokudlakaz’ isikhumba

Aqale naye ukuzonyanya, kub’ uyibon’ ingxaki

Kube kungekho yenza njani, konakele madoda

Madoda, awam amehlo azibonil’ izimanga

Isitutsu-tutsu somfo singumcinga butywala,

Madoda, awam amehlo ayibonil’ imimangaliso

Igodo ebeliphelelwe ngamandla livuk’ ekufeni

Ngenxa yokuqhawul’ iqhina lomtshato nomabil’ ebanda.

 

Ndingumdidi ngqondo, umdubi-mzimba

Ndingumdali wamatshitshi, amatshivela namavila

Ewe, bayandisela, nam ndiyaziphindezela ngesixhiba

Ndakuhlal’ ezantsi emathunjini ndizinze kudloba nezilulami

Ndakumilisela ezam ingcambu etyhontsi, inene neziyatha zizibon’ ukuqava

Ndakungena ndanele apha ezibindini nasemithanjeni nerhawu lizibon’ ukuqina

Nt’ inye abangayaziyo, ndingumkhohlisi, umphixanisi, umtshabalalisi nombulali

Abadala bayandinxonxothela, nabantwana bayandincanca

Kulilwa, kuvuywa ndiyathandwa nditabhate ndambeth’ ingubo

Ndibizwa njengomthuthuzeli kwabasezintsizini, umonwabisi kwabavuyayo

Shwaka tu! Ukulibala ngobam ubungozi

Kaloku obam ubuthuthuzeli nguqhwi

Kaloku obam ulonwabo nguqhwanya.

 

Tywala ndini ungumalamb’ esidla.

Iintseli-mani zikhiwa ngemikhoba kweli lizwe

 

 Ndisenziwa akulalwa kuyasetyenzwa,

Njengasatempileni kamtyholi, esihogweni

Inene ndixakile, ndintshatshele buzani kumdidiyeli

 

Andazi nam ukuba abantu abandonyanyi yintoni na?

Abazi na ukuba ndenziwa ngombon’ ovundisiweyo?

Abazi na ukuba ndidiyelwa kulomikhob’ izel’ izigragra?

Impukane namabhungane azidlel’ itheko ndakungavalwa.

Maxawambi, ndiphathwa zingalo nezandla ezinyukru-nyukru.

Emininzi imizi ichithakele, ngenxa yam tywala

Abaninzi bambath’ uqaqaqa, ngenxa yam tywala

Abaninzi baqanyangelwe ngumthetho, ngenxa yam

Abaninzi baswel’ inceba nothando, ngenxa yam tywala       

Abaninzi bampil’ inkene-nkene, ngenxa yam tywala

Abaninzi bagodl’ imigqakhwe, ngenxa yam tywala

 

Abaninzi abasena nazihlobo, ngenxa yam tywala

Akusekho, kukhothana mihlana kwizalamane

Ndinomona, anisandiboni kusini na?   

Ndimdala, anisaqapheli kusini na?

Ndingcolile, anisaboni kusini na?

Andimthand’ ongena qhosha.

 

Ndiyekeni bantu, nam ndifun’ ukuphumla

Ndiyekeni, nam ndidikiwe bubumnyama

Ndiyekeni, nam ndifun’ ukuphila

Kutheni ningakhe nixhaphaz’ abanye

Oomongimali neziny’ iziselo zipholile

Phambi kokuvula loonxili mntakwethu qiqa

Phambi kokuginy’ elothamo bhuti qal’ ucingisise

Phambi kokungcamla lobhekil’ sisi vula ingqondo

Ngalo ndlela nakuba nizanyulile ebugxwayibeni nam ndiphumle

Anisaboni na ukuba isizwe sidlaka-dlaka, a’kho bani uhloniph’ omnye


umbongo ngokubhalwa ngu Maliviwe Mpayipheli

Published on IMIBONGO

To be informed of the latest articles, subscribe:
Comment on this post
M
Molwen bethuna bantu nonke kwi hlabathi ithi into imbeko angekhe iphinde ibekhona kuba kaloku uthi uRhulumente abantwana mabanga bethwa esikolweni nase makhaya kakade athi koyi ntombi maka ngene ne nkwenkwe yakhe ibonwe athi koyi nkwenkwe maka ngene ne ntombi yakhe yaziwe abantwana banama lungelo amaninzi ukodlula abazali ewe khona kwelinye icala bamoshwa nasithi ngokufuna uku understand kodwa sibe singa khuliswanga njalo endifuthi singakhala ngaba ntwana bodwa kanti nabantu aba badala bangabazali imbheko ayikho kwabaninzi ngoku bakhula kwixesha lakudala kubantu bakudala kuphuncuke iizimilo ngoku uzoku njani ke umntana xa umama no tata bekwazi ukwenza izinto ezimbi phambi komntana akhonto inakuze ilunge qha umntu makaziqeqeshele umntana nje qha enkos
Reply