Monday 31 may 2010 1 31 /05 /May /2010 15:21
Yintoni inkululeko?
Ngokwenene Yintoni inkululeko.........

Kudala ndizibuza,andiphelelanga kuwetyisa,kodwa ndibuzile nakwizazi,
ndifuna ukwazi,ngokwenene yintoni na inkululeko?

Ndinenkolo,nkolo leyo yokuba Amazwi ayadala,
adala isenzo,isibi okanye esihle,
Bendiba xa ubani esithi ukhululekile,
ade agqibelise ngokubhentsisa
 iminqweno yakhe kwizizwe ngale nkululeko.

Bendiba xa kuthethwa ngenkululeko,kuthethwa ngempilo engcono.
 apho kungekho sizi nakufa....Leyo ke yingcinga yam,
ebendinomdla wokubona idaleka mhlanazana uthile...

Ingaba udlwengulo lwentsana,
omama kunenye nomakhulu luphantsi kwalenkululeko?

Ingaba xa ubani esithi ukhululekile
 ithetha into yokuba unegunya nelungelo lokwenza
 nantoni na ayithandayo,eyenza nakubani?

Ukuba kunjalo,hayi ayiginyeki lenkululeko yenu,
mna ke mandihlale ndiphakathi kobubukhoboka bomphefumlo...

Ewe ningatsho nithi nikhululekile
Kuba nikhululeke ngokwasenyameni,
Kondwa nisaqamqngekile ngokwasemiphefumlweni.
Nisengamakhoboka,kum ke anikakhululeki
Kuba ndinenkolo yokuba ubom obukhululekileyo buqala emphefumlweni,
Xa umpefumlo engakhululekanga awusayi kuzibiza ukuba ukhululekile..

Okanye ingaba nithi nikhululekile kuba nisima mngceni mnye nabamhlophe,
nikhwela sithuthini sinye,
okanye kuba nisidla kunye kwivenkile zokudlela.
Yiyo lonkululeko.

Hayi mna andikayibonisisi lenkululeko

Ukuba unolwazi olungcono khwundixelele iphi lenkululeko
By Umxhosa - Posted in: IMIBONGO
hlomla sive mXhosa - View the 0 comments
Home

Overview

  • : imbongi-zakwaxhosa,kunye nababhali
  • imbongi-zakwaxhosa,kunye nababhali
  • : Poetry
  • : Mandithathe elithuba ndinamkele nina nonke zimbedlenge zasemzXhoseni.Mandinazise kaloku ukuba eligumbi,lomzi wakwaXhosa kulapho sityebiselana khona ngolwazi,ukususela kwimo yentlalo yakwaxhosa,ukuya kwimibongo.Ndithetha nawe nje ndiphezu kophando nzulu malunga ngezinto ezithile ngalomzi wakwaXhosa,kaloku xa utyebisela abantu kufuneka uze nencaza etyebileyo.Ndiyanamkela zidwesha,ndithi khanibe nirhabula kulebhekile siyiselayo.Ndisatshaya
  • Share this blog
  • Back to homepage
  • Contact

Create a blog

Calendar

June 2012
M T W T F S S
        1 2 3
4 5 6 7 8 9 10
11 12 13 14 15 16 17
18 19 20 21 22 23 24
25 26 27 28 29 30  
<< < > >>
Create your blog for free on over-blog.com - Contact - Terms of Service - Earn Royalties - Report abuse