Lento ibubuntu ithetha ukuthini kuwe?

Published on by Umxhosa

Yintoni ubuntu?..Lo ngumbuzo ovame ukubohlula abantu ekubeni bawuphendule.Ukubonakalisa ukudideka kwabo,xa umntu ewuphela,usuke awuse kwinguqulelo yolwimi lwasemzini athi "ubuntu it's humanity".Kum ke uyafana nqwa nokuthi inja "it's a dog"nalapho ke awukayibhentsisi elubala ukuba ngokwenene yintoni inja.Kodwa ke ngokokwazi kum inja sisilwanyana sasekhaya esinemilenze emine,siyakhonkotha sisisebenzisa njengesikhuseli kumakhaya ethu.Sisikhusela kubaphange namasela ebusuku nasemini.Leyo ke yindlela endinokuth emfutshane endinokuthi ndichaze lento iyinja.Lowo ke phofu ibingumzekelo,asiyinto esigxile kuyo.Usingaye ke apha bubunye.....Ndifuna ngokwezakho izimvo undixelele ukuba yintoni ubunye,kwaye ucinga ukuba busekhona?.Ukuba abusekho ke,yeyiph'indlela esinobubuyisela ngayo napha eluntwini? Ndifuna ke mlesi sihlalutye sihlinzelana ngalomiba ndiyikhankanyileyo ngentla apha

To be informed of the latest articles, subscribe:
Comment on this post
S
Ingaba lisasebenza elikhasi?
Reply