amazw'enkuthazo

Published on by Dinho

Maxa wambi sithi xa izinto zingahambi ngokuthanda kwethu sivakale sizibuza imibuzo engenako ukuphenduleka.Phofu akuba ayinako ukuphenduleka ntonje kuzoko sihamba kwindlel'emxinwa,kwaye kugqubinkugu kwindlela leyo,eminye yemibuzo esithi sivame ukuzibuza yona yethi "ingaba yintoni unobangela wokuba ndidle amazimba okanye ndiphile",phofu ke lomazwi evela xa ubani ephelelwe lithemba,Inye ke impendulo yethi umntu ngamnye ulapha emhlabeni ngenjongo,njongo leyo yokufezekisa into ethile.Ngoko ke kufanele sazi ukuba phambi kokuba sifikelele kwelonqanaba lokufeza nantoni na kufanele sigqithe izigaba ezithile kuqala,zigaba ezo zisinceda ekubeni sifunde kwendlela leyo isa empumelelweni,Andifuna ukutsho ke masingaphelelwa lithemba kuko konk'esikwenzayo,athi ke amaXhosa ekuncekeleleni ukhona umvuzo lilonke ke maAfrikh'amahle masinyathele kancinci sisingisele empumelelweni,
To be informed of the latest articles, subscribe:
Comment on this post
O
Thank's.. Very nice post
Reply
L
yho ma i like ur advises jst keep it up
Reply