saphel'isizw'esintsundu

Published on by Dinho

Sibheka phi na isizwe?
Lo ngumbuzw'endiwutya ndiwulale ,
kodw'andifumani mpendulo.
Alwil'amagokra elwel'inkululeko,
liphalel'igazi lomzontsundu,kufelw'isizw'esintsundu.
Bayifumene lonto abathe bayibiza
ngokuba yinkululeko

Kodw'andiboni nkululeko ngaphandle
kwentandabuzo.
Inkululekw'eshiy'imimangaliso,
mimangalisw'edalimibuzw'engenampendulo.

Sixhamli cham lenkululeko,
lade laxhamla thina.
Lwaphel'ulutsh'oluntsundu,
ngenxa yenkululeko.
Nkululeko leyo ithe yazal'amalungelo,
malungelo ango sithi siwasebenzise siwabaxa.

Afikil'amalungelo esiza nenkululeko,
akrazul'aqweng'abulal'umzontsundu.

Bafik'othixo basemhlabeni,
bayibek'imithetho enxamnye naleyo yasekwa ngulowo wasidalayo
mithetho leyo isenze saphambuk'emendweni,.

 

Saphel'isizw'esintsundu

yinkululekw'ezal'amalungelo.

Zazalisan'inkedama,

zizal;abantwana benkululeko,

abantwan'abangacetywanga .

Wabhubhis'ugawulayo eligqib'ulutsha

lakowethu.

 

Yaphel'imbeko kuba siyazi silwelwa

ngamalungelw'azalwe yinkululeko.
Zikhulintsana zisazana namalungelo
nto leyo ibangel'ubunzima kuqeqesho labazali,
bave xa besithi
"Indukw'ayinamzi,ndiyokubambisa kuba ulwa nelungelo lam"
Nto leyo ibangel'ukuba babengophuncuka bemphethe
ababhek'ekufeni.

Kodwa kunjalo amil'amagqobhoka ngedolo,
athi"Uze usilwele thina zicaka zakho,khanyisa wena Thixo wethu,
sibonis'indlela kuba siyaphela isizw'esintsundu"

Saphela,Saphela,Saphel'isizw'esintsundu!!!!!

umbongo ngokubhalwa ngu  Cebo....

Published on IMIBONGO

To be informed of the latest articles, subscribe:
Comment on this post