Friday 26 march 2010 5 26 /03 /Mar /2010 09:37

Andingethandi ukuboph'amabande,
kodwa ndingathanda
ukuthezel'emnxebeni.
Athi ke amaXhosa
isikhwebu simnandi ngokuchubelana.
Yiyo ke lonto ndisithi
masijonge imvelaphi yethu,
nto leyo iyokuth'isinced'ekubeni
sizazi apho siyakhona.

Mhla mnene,nditsho ke
mandulo phaya.
Besisayokukhanyisa ngoofinyafuthi,
singamaxhob'encukuthu.
Besisay'okulungiselel'isidlo
ngokuthi sibase phantsi.
Sisebenzisa inkuni zegoqo,
siqhunyiselwa ngumsi
asishiye siphethwe yingcume.

Amanzi siwakha emlanjeni
siwasel'ezele ngonojubalala.
Athi emva kwemvul'enkulu
abemhlophe okobisi

Bakil'osazi besiza nolwazi,
ndithetha injineli zibambisene
nenzulu lwazi.
Ezithe zasivul'amehlo
satsho sabona nasemfihlakalweni.

Baqala basinik'amanzi
ona ango acocekileyo,
aphuma ezantsi emathunjini omhlaba.
Andithethi nje,baqinisekisile
ukuba lamanzi alungelene
nemizimba yethu.
Ndithi phambili ngeenzulu lwazi!!!

Abaphelelang'apho.
bavelise ukukhanya kwasezinzulwini zobusuku.
Zatsho zalamba neencukuthu,
satsho saphumla ekubeni
sigilane nezithunzela ngezifuba.

Kaloku kwelityeli,
intsasa ayohlukanga kangako kubusuku
ngenxa yezizibane,
zisikhanyisela ngokuqaqambileyo.
kwaye sihamba nje sikhululekile,
sonwabile.
Sibona neembovan'ezitshaluza
nasezinzulwini zobusuku.
Ngenxa yezi  nzululwazi.

Okokugqibela,
kwikumnkani,iinkosi,kunye nezithwalandwe.
Nabo bonke abo basenethamsanqa
lokudl'amazimba.
Ndityala ntwinye bantakwethu,
ndinicenga ngokungazenzisiyo.

Masiwonge umbane,ngokuthi
siwusebenzise ngohlobo nagelixa
elifanelekileyo.
Masiwagcine amanzi
ecocekile ngalo lonke ixesha.
Kaloku masikhumbule
asinabo ubom ngaphandle kwamanzi.
Amanzi nombane yimbilo.

Snako!!!

 

umbongo ngokubhalwa nguCebo a.k.a UMXHOSA

By Umxhosa - Posted in: IMIBONGO
hlomla sive mXhosa - View the 0 comments
Home

Overview

  • : imbongi-zakwaxhosa,kunye nababhali
  • imbongi-zakwaxhosa,kunye nababhali
  • : Poetry
  • : Mandithathe elithuba ndinamkele nina nonke zimbedlenge zasemzXhoseni.Mandinazise kaloku ukuba eligumbi,lomzi wakwaXhosa kulapho sityebiselana khona ngolwazi,ukususela kwimo yentlalo yakwaxhosa,ukuya kwimibongo.Ndithetha nawe nje ndiphezu kophando nzulu malunga ngezinto ezithile ngalomzi wakwaXhosa,kaloku xa utyebisela abantu kufuneka uze nencaza etyebileyo.Ndiyanamkela zidwesha,ndithi khanibe nirhabula kulebhekile siyiselayo.Ndisatshaya
  • Share this blog
  • Back to homepage
  • Contact

Create a blog

Calendar

June 2012
M T W T F S S
        1 2 3
4 5 6 7 8 9 10
11 12 13 14 15 16 17
18 19 20 21 22 23 24
25 26 27 28 29 30  
<< < > >>
Create your blog for free on over-blog.com - Contact - Terms of Service - Earn Royalties - Report abuse