Amanzi nombane yimpilo!!!

Published on by Umxhosa

Andingethandi ukuboph'amabande,
kodwa ndingathanda
ukuthezel'emnxebeni.
Athi ke amaXhosa
isikhwebu simnandi ngokuchubelana.
Yiyo ke lonto ndisithi
masijonge imvelaphi yethu,
nto leyo iyokuth'isinced'ekubeni
sizazi apho siyakhona.

Mhla mnene,nditsho ke
mandulo phaya.
Besisayokukhanyisa ngoofinyafuthi,
singamaxhob'encukuthu.
Besisay'okulungiselel'isidlo
ngokuthi sibase phantsi.
Sisebenzisa inkuni zegoqo,
siqhunyiselwa ngumsi
asishiye siphethwe yingcume.

Amanzi siwakha emlanjeni
siwasel'ezele ngonojubalala.
Athi emva kwemvul'enkulu
abemhlophe okobisi

Bakil'osazi besiza nolwazi,
ndithetha injineli zibambisene
nenzulu lwazi.
Ezithe zasivul'amehlo
satsho sabona nasemfihlakalweni.

Baqala basinik'amanzi
ona ango acocekileyo,
aphuma ezantsi emathunjini omhlaba.
Andithethi nje,baqinisekisile
ukuba lamanzi alungelene
nemizimba yethu.
Ndithi phambili ngeenzulu lwazi!!!

Abaphelelang'apho.
bavelise ukukhanya kwasezinzulwini zobusuku.
Zatsho zalamba neencukuthu,
satsho saphumla ekubeni
sigilane nezithunzela ngezifuba.

Kaloku kwelityeli,
intsasa ayohlukanga kangako kubusuku
ngenxa yezizibane,
zisikhanyisela ngokuqaqambileyo.
kwaye sihamba nje sikhululekile,
sonwabile.
Sibona neembovan'ezitshaluza
nasezinzulwini zobusuku.
Ngenxa yezi  nzululwazi.

Okokugqibela,
kwikumnkani,iinkosi,kunye nezithwalandwe.
Nabo bonke abo basenethamsanqa
lokudl'amazimba.
Ndityala ntwinye bantakwethu,
ndinicenga ngokungazenzisiyo.

Masiwonge umbane,ngokuthi
siwusebenzise ngohlobo nagelixa
elifanelekileyo.
Masiwagcine amanzi
ecocekile ngalo lonke ixesha.
Kaloku masikhumbule
asinabo ubom ngaphandle kwamanzi.
Amanzi nombane yimbilo.

Snako!!!

 

umbongo ngokubhalwa nguCebo a.k.a UMXHOSA

Published on IMIBONGO

To be informed of the latest articles, subscribe:
Comment on this post
T
Flash blocs de mémoire doivent être effacées avant d'être explicitement peuvent être écrites. Le temps nécessaire pour effacer des blocs peuvent être importantes, il est donc bénéfique pour effacer les blocs inutilisés alors que l'appareil est en veille.
Reply
E
I am very proud because the blog providing the information is helpful to every user and every content writers. These are all giving more knowledge to all the blog writers and essay writers and thank you very much to your blog writers.
Reply
O
goods thanks :)
Reply